Yugen Blakrok
AMANZI
AMANZI
Isixekwana siyakhala, ngamaxesha endlala
Nangona likude, ilanga lihlab’ umhlaba
Sitsha, sirhawuka, sifela ngaphakathi
Mazwi angamalangatye ebalisa iimbali
Zesizwe sakudala, esatshona phantsi kolwandle
Kwasindwa amaphaphu kwaphel’ umoya wangaphandle
Sitsarhwa yityiwa sirhaxwa ngamanzi
Kungekho zithixo zisikhawulela ngezantsi
Salala sombathe loomaphupho wethu
Sirhon’ iimpumlo ziphuphum’ ugwebu
Okwenkomo yamanzi, siphum’ ezinzulwini sinxil’ uvuyo nothando
Milomo ivaleke vingci, ingathethi mahlazo
Sitsarhwa nje yityiwa
Siphuma kwiziziba
Xa sibuyel’ emanzini
Akukho ntetho yanimba
Ezinzulwini zamaphupha alahlekayo
Imfazwe phakathi kwengqondo nomphefumlo yetshabalalisayo
Andinabuhlobo mna nendzondo
Ngalomoya akuzange kwakhiwa
Ngceba zawo zihlaba nditsho neenyawo zentsimbi
Zehlisa zithoba nonesona isibindi
Nozithembe ngamandla ezandla,
phantsi khilikiqi
Ayatsarha amanzi
Nalomphefumlo ndiwuphathisiweyo inga angazazi
Masilile iinyembezi zetyiwa namanzi
Mhlawumbi nalomhlaba udiniwe kukurhaxwa ligazi